Kufuneka ulwe nokungakholwa

Print Friendly, PDF & Email

Kufuneka ulwe nokungakholwa

Iyaqhuba….

Ukungakholwa kukwala ukukholelwa kuThixo nakwiLizwi lakhe. Oku kudla ngokukhokelela ekungamthembini nasekungamthobelini uThixo neLizwi Lakhe, uYesu Kristu. UYohane 1:1, 14, “Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo. ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubukela ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso. Lowo nguYesu Kristu.

Mat. 28:16-17; Bahamba ke abafundi abalishumi elinamnye, baya kwelaseGalili, kuloo ntaba wayebayalele yona uYesu. Baza bakumbona, baqubuda kuye; ke inxenye yathandabuza.

I-ROM. 3:3-4; Kuyini na khona, ukuba abathile abakholwanga? Ngaba ukungakholwa kwabo kuya kuluphuthisa na ukholo lukaThixo? Nakanye! UThixo yena makabe nenyaniso, bonke abantu ke babe ngamaxoki; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuze ube nokugwetyelwa emazwini akho, Weyise ekugwetyweni.

I-ROM. 11:20-21, 30-32; Kulungile; aqhuzulwa ngenxa yokungakholwa, ke wena umi ngokwaselukholweni. musa ukukratsha, yoyika. Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo. Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungeva kwabo abo; kwangokunjalo, nabo aba ababanga namvo ngoku, ukuze ngokwenzelwa kwenu inceba, benzelwe nabo inceba. Kuba uThixo ubavalele ndawonye entsweleni-kuva bonke, ukuze abenzele inceba bonke.

Heb. 3:12-15, 17-19; Lumkani, bazalwana, hleze kubekho kubani wenu intliziyo engendawo, engakholwayo, enokumka kuThixo ophilileyo; manivuselelane imihla ngemihla, xa kusathiwa kunamhla; ukuze kungabikho mntu kuni wenziwa lukhuni kukulukuhla kwesono. Kuba siba ngamabelana ngoKristu, ukuba sithe ingqalo yokukholosa kwethu sayibamba ngokuthe nkqi, sada sesa ekupheleni; ekubeni kusithiwa, Namhla, ukuba nithe naliva ilizwi lakhe, Musani ukuzenza lukhuni iintliziyo zenu, njengasengcaphukisweni. Wazondelwa ngubani na iminyaka emashumi mane? Yayingengabo na abo bonayo, bazidumbu zawayo entlango? Wafungela oobani na ke, ukuba abayi kungena ekuphumleni kwakhe, ingengabo abo bangevanga? Siyabona ke, ukuba babengenakungena, ngenxa yokungakholwa.

Mat. 17:20-21; Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya; kwaye iya kufuduswa; akukho nanye into eya kuninqabela. Olu ke lona uhlobo aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.

Mat. 13:58; Akazange enze misebenzi mininzi yamandla khona apho ngenxa yokungakholwa kwabo.

Umqulu #277, “Abangcwele abayi kuxhomekeka ekuboneni kwabo nakwizimvo ezintlanu kuphela, kodwa baya kuthembela kwiLizwi likaThixo nakwizithembiso zakhe. Emoyeni, njengomalusi omkhulu, uzibiza zonke ngamagama azo. Ngaphandle kobhaptizo loMoya oyiNgcwele, (esathi ngalo satywinwa kude kube yimini yentlawulelo, yokuguqulelwa, ekuvalelwa okunokufa kokungafiyo) ubanika itywina loqiniselo; (encwadini esongwayo ngenxa yabo bakholiweyo, njengokuba kwakudala abaninzi bengenzanga ngenxa yokungakholwa.) Abanyuliweyo baya kuliva ilizwi loSomandla, njengoko athi, Nyukela apha. Ukubanjiswa kusondele. UMoya oyiNgcwele uhlanganisa izimvu zaKhe eziyinyaniso, (akusayi kubakho ukungakholwa).

090-Kufuneka ulwe nokungakholwa-ku PDF