Imfihlelo yolutsha

Print Friendly, PDF & Email

Imfihlelo yolutsha

Iyaqhuba….

INtshumayeli 12:1; 11:9; Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho, ingekafiki imihla yobubi, ingekafiki iminyaka owothi ngayo, Ayindiyolele; Vuya, ndodana, ebutsheni bakho; ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yazi ukuba ngenxa yezo zinto zonke uThixo uya kukusa ematyaleni.

Genesis 8:21; UYehova weva ivumba elithozamisayo; Wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kuphinda ndilitshabhise ihlabathi ngenxa yomntu; ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andisayi kuphinda ndizibhubhise zonke izinto eziphilileyo, njengoko ndenze ngako.

INdumiso 25:7; Musa ukuzikhumbula izono zobutsha bam, nokreqo lwam; Ndikhumbule ngokwenceba yakho wena, Ngenxa yokulunga kwakho, Yehova.

eyesi-2 kuTimoti 2:22; Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.

Yeremiya 3:4; 31:19; Akuyi kuthi na ngoku undibize, uthi, Bawo, ulikholwane lobutsha bam? Ngokuba emva kokukutshikilela kwam ndazohlwaya; ndathi emva kokwaziswa kwam ndabetha ethangeni lam; ndadana, ndadana, ngokuba ndithwele isingcikivo sobutsha bam.

eyoku-1 kuTimoti 4:12; Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.

Isaya 40:30, 31; Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe; ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; baya kunyuka ngamaphiko njengeenkozi; baya kugidima bangadinwa; bahambe, bangatyhafi.

Imisongo #201 isiqendu 5, 6 no-7 – “Ukwanda kokuchasa umthetho, ulwaphulo-mthetho nokuwohloka kokuziphatha ziziprofeto ezizalisekisayo. UYesu wathi, ugonyamelo, ulwaphulo-mthetho nokuziphatha okubi kuya kuzalisa umhlaba, (2 Tim.3:1-7). Lo mqondiso ubonakala ngokusingqongileyo kangangokuba namaKristu amaninzi alibale ukuba ngumqondiso wesiphelo sexesha. Wanika imiqondiso yonqulo, uwexuko, ukuphambuka elukholweni nokuwa. Abaninzi bazibandakanya neecawe kunye nemibutho ngaphandle kokuzimanya neNkosi uYesu ngamandla apheleleyo. Banokumila kokuhlonela uThixo, kodwa baya kuwakhanyela amandla abo. Baya kumka kumprofeti wenyaniso, baze bafumane ukulinganisa. Ngokubukela izihlwele sinokuthi ngenene, ngokuqinisekileyo ukukhohlisa sele kungenile. UbuSathana buhambela phambili yaye bufikelela uninzi lolutsha njengendlela yonqulo; sithandazele ulutsha lwethu.”

Isiqendu 6: Kodwa sinokuthi ngokwenyani njengoko iTV neHollywood zihamba, hamba ke ekhaya nakwisizwe. Iintsapho ezininzi zinemiboniso bhanyabhanya ka-X ebonisa imiboniso yezesondo epheleleyo, neenkqubo zobugqwirha zithunyelwa kanye emakhayeni azo. Kwakhona isibingelelo sentsapho kaThixo neBhayibhile ziye zathatyathelw’ indawo sisithixo sehlabathi, (umabonwakude). ngoko ke masithandazele amakhaya nokuba imvuselelo yakhe yokubuyisela iya kutshayela kwimiphefumlo emininzi eBukumkanini bukaThixo.

Umhlathi 7, kuya kuvela uwexuko olukhulu kwaye imvuselelo enamandla yokubuyisela iya kuba kwabanyuliweyo, ibatshayela iye phezulu ezulwini.

046-Imfihlelo yolutsha- kwiPDF